YouVersion Logo
Search Icon

IINKOKHELI 1

1
Indlu kaJuda nekaSimon yoyisa uAdoni-bhezeki
1Akuba engasekho uYoshuwa, amaSirayeli abuzisa *kuNdikhoyo, athi: “Ngubani onokusikhokela ukuya kuhlasela amaKanana?”
2Ke yena waphendula wathi: “Mayibe nguJuda; ndiwunikele esandleni sakhe loo mhlaba.”
3Ke indlu kaJuda yathi kumawabo amaSimon: “Sincediseni xa silwa namaKanana ukuzuza isabelo sethu somhlaba, khon' ukuze nathi sinincedise xa nilwela esenu isabelo.” Ngoko ke ahamba nendlu kaJuda amaSimon. 4Bahlasela ke abendlu kaJuda, uNdikhoyo wawanikela ezandleni zabo amaKanana namaPerezi, baza babulala ishumi lamawaka eBhezeki. 5Apho ke bafumana uAdoni-bhezeki, balwa naye, bawaswantsulisa amaKanana namaPerezi. 6Ke yena uAdoni-bhezeki wabaleka, baza bona bamsukela, bambamba, bamnqumla oobhontsi bezandla nabeenyawo.
7UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.
Indlu kaJuda ithimba iJerusalem neHebron
8Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo. 9Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi. 10Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.
UOteniyeli uthimba iDebhiri
(Yosh 15:13-19)
11Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo. 12UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.” 13UOteniyeli, unyana kaKenazi umninawa omncinci kaKalebhi, wasithimba ke eso sixeko, waza ke uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa. 14Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”
15Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo engasentla nengasezantsi.
Uloyiso lukaJuda noBhenjamin
16Inzala kayise womka-Mosis, umKeni, yahamba nendlu kaJuda ukuphuma kwisiXeko samaSundu, yaya kumhlaba oyintlango ezantsi kweArade kwelakwaJuda, yaza ke yema phakathi kwabantu balapho. 17Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.
18-19*UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo. 20Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki. 21Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.
Abendlu kaJosefu bathimba iBhetele
22-23Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni, 24zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.” 25Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela. 26Emva koko yaya kwelamaHiti, yakha isixeko, yathi yiLuzi igama laso. Sisabizwa ngelo gama ke nangoku.
Izizwe ezingagxothwanga ngamaSirayeli
27AmaManase zange azigxothe izizwe ezazihlala eBhete-shan, eTanaki, eDore, eIbleyam, eMegido, nakwiilali ezikufuphi nezi dolophu, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala apho. 28Athi ke akomelela amaSirayeli azenza izicaka zawo ezo zizwe, kodwa akazigxotha.
29NamaEfrayim zange awagxothe amaKanana awayehlala eGezere; awayeka bahlala kunye.
30AmaZebhulon nawo zange awagxothe amaKanana awayehlala eKitron naseNalali, kodwa ahlala nawo, awenza izicaka.
31Nama-Ashere zange abagxothe abemi baseAko, nabaseSidon, nabaseAlabhi, nabaseAkezibhi, nabaseHelebha, nabaseAfeki, nabaseRehobhi. 32Ngoko ke ama-Ashere ahlala nawo loo maKanana.
33Indlu kaNafetali zange ibagxothe abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati. Loo maKanana ke ahlala namaNafetali, aba zizicaka zawo.
34AmaDan oyiswa ngama-Amori, atsho ahlala kweleentaba, akaba nako ukuhlela emathafeni. 35Ama-Amori ayezimisele ukunganikezeli eAyalon, naseShalabhim, nakwintaba iHeres; kodwa ke amaJosefu ada awongamela, aba zizicaka zawo.
36Umda wama-Amori wawuhamba uye kuphuma ngenkalo yeAkrabhim, uye kudlula eSela.

Currently Selected:

IINKOKHELI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy