YouVersion Logo
Search Icon

EYEMFUDUKO 22

22
Imithetho mayela nentlawulo
1“Xa umntu ebe inkomo okanye igusha, waza wayixhela okanye wayithengisa, makahlawule iinkomo ezintlanu ngenkomo enye, aze ahlawule iigusha ezine ngegusha enye.
2“Ukuba ngaba isela libhaqwe liqhekeza ebusuku, laza labulawa, akanatyala lowo ulibuleleyo. 3Kambe ke ukuba le nto yenzeke emini, woba netyala lokubulala lowo ulibuleleyo.
4“Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.
5“Ukuba umntu uthe ebhuqisa intsimi yakhe yaza impahla yaphumela kweyomnye, umonakalo lowo makawuhlawule ngemveliso yentsimi yakhe.
6“Xa umntu etshisa entsimini yakhe, waza umlilo lowo wanwenwela entsimini yomnye umntu, watshisa ukutya osekuvuniwe okanye okungekavunwa, loo monakalo mawuhlawulwe nguloo mntu uqale umlilo.
7“Xa umntu egcinise omnye impahla ethile okanye imali, yaza ke yebiwa apho kuye, xa libanjiwe isela eliyibileyo liya kuyihlawula ngokuphindiweyo; 8kanti ke xa lingafumaneki, umgciniswa lo uya kusiwa *esibingelelweni phambi kukaThixo, afunge ukuba ngenene le nto ibiweyo ayikho kuye.
9“Kuyo yonke imicimbi yembambano nokuba inxulumene neenkomo, iidonki, iigusha, impahla yokunxiba, okanye nantoni na elahlekileyo, abo babangisanayo mabasiwe esibingelelweni phambi kukaThixo. Lowo uthe wagwetywa ke nguThixo uya kumhlawula ngokuphindiweyo ogwetyelweyo.
10“Xa abantu ababini begcinisene iidonki, iinkomo, iigusha, okanye nasiphi na isilwanyana, saza safa okanye senzakala, kungenjalo sibiwe, kungabikho ngqina, 11umgciniswa lowo makaye kufunga esibingelelweni phambi kukaThixo ukuba umsulwa kule nyewe. Ukuba ke le mfuyo kubanjenwe ngayo ayibiwanga ngumgciniswa, umniniyo makaselexola, umgciniswa angayivusi. 12Kodwa ke ukuba imfuyo leyo ibiwe nguye, makayihlawule. 13Kambe ke ukuba kufumanisekile ukuba iqwengwe ngamarhamncwa, lo iqwengwe ikuye makezise ixhwayela, ibe bubungqina; xa kunjalo ke akayi kuyivusa.
14“Ukuba ababini babolekene ngemfuyo, yaza ke yenzakala okanye yafa engekho umniniyo, lo ubebolekiwe makayivuse. 15Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
Imithetho yentlalo nonqulo
16“Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate. 17Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.
18“Ke lona igqwirha malibulawe.
19“Umntu olala nesilwanyana makabulawe.
20“Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.
21“Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa. 22Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama. 23Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo, 24ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.
25“Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala. 26Ukuba ke umntu úbambise ngengubo yakhe kuwe, ze uyibuyisele kwakuye lingekatshoni ilanga, 27kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.
28“UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.
29“Ungathandabuzi ukuthatha kwisivuno nakwiwayini yakho, wenze ngazo umnikelo kum.
“Unyana wakho wamazibulo nikela ngaye kum. 30Namazibulo enkomo okanye igusha makabe ngumnikelo kum. Makahlale nonina iintsuku zibe sixhenxe qha, aze ngolwesibhozo anikelwe kum.
31“Ningabantu bam ncakasana; ke ngoko sanukuyitya inyama yemfuyo eqwengwe ngamarhamncwa asendle – ndaweni yaloo nto yinikeni izinja.”

Currently Selected:

EYEMFUDUKO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy