YouVersion Logo
Search Icon

AMAVA ENGQONDI 1

1
Akukho nto intsha ehlabathini
1Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem:
2“Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi,
“ewe, ngokupheleleyo ngamampunge;
yonk' into ngamampunge!”
3Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?
Ude azuze ntoni ngokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?
4Izizukulwana ziyafika, izizukulwana ziyemka,
kodwa ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
5Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone,
lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.
6Umoya ubhudla ubhekisa ngasezantsi, ubuye ubhekise ngasentla;
wenza loo njike-njike uthatha umjikelo wawo.
7Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali;
amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.
8Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo:
iliso liyabona, kodwa alaneli;
kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.
9Into eyakha yakho yophinda ibe khona.
Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona.
Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!”
Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.
11Izinto zakudala azisakhunjulwa;
ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.
Ukuzama ukubalasela ngamampunge
12Ke mna Ngqondi ndandingukumkani wakwaSirayeli eJerusalem. 13Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu. 14Ndizibonile ke zonke izinto ezenziwayo phantsi kwelanga; zonke zingamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
15Kaloku into egoso-goso ayinakolulwa;
ukanti nento engekhoyo ayinakubalwa.
16Ndaziva sendisithi kum ngaphakathi: “Ngoku mna ndide ndabalasela ngobulumko kunaye nabani na owakhe walawula eJerusalem ngaphambi kwam. Ndinamava aphangaleleyo ngobulumko nolwazi. 17Ndazimisela ukuzuza ulwazi nobulumko, ndibuqonde ubutyhakala nobudenge, kodwa ndafikelela kwelithi naleyo into ifana nokusukelana nomoya.”
18Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.

Currently Selected:

AMAVA ENGQONDI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy