YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKOLOSE 1

1
Isingeniso
1Kubhala mna Pawulos, *umthunywa kaYesu owamiselwa ngentando kaThixo, ndikunye nomwethu uTimoti. 2Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo.
Umthandazo nombulelo
3Asinilibali emithandazweni yethu, singalibali nokumbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu, 4oko sevayo ngokukholwa nokuzinikela kwenu kuKrestu Yesu, nangokuluthanda kwenu usapho lukaThixo. 5Ewe, siyayibulela loo nto ngenxa yedinga eninalo kwaThixo, enaqala ukuva ngalo ngodaba lwenyaniso. 6Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo. 7Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu. 8Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya.
9Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. 10Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo. 11Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo. 12Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini. 13Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, 14lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
Umbongo kaKrestu
15UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo;
ingqalo nentloko yayo yonke indalo.
16Iinto zonke zadalwa ngaye,
ezulwini nasemhlabeni,
ezibonakalayo nezingabonakaliyo.
Zonke zivela kuye:
ooziphathamandla namatshawe,
oozilawuli noomagunya.
UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.
17Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade.
Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.
18Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.
Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,
khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.
19UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.
20Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela;
ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweni
wazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.
UThixo udale imeko entsha
21Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga. 22Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe. 23Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga.
Inxaxheba kaPawulos emsebenzini kaKrestu
24Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho. 25Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo. 26Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo. 27Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo. 28Ngoko ke sishumayela uKrestu eluntwini. Silumkisa sifundise wonke ubani ngamava esinawo, khon' ukuze sibanikele kuThixo bonke ngabanye befezekile ngokumanywa noKrestu. 29Ndibila ndisoma ukufeza olu xanduva, ndisebenza ngamandla endiwaphiwa nguKrestu ongaphakathi kum.

Currently Selected:

KWABASEKOLOSE 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy