YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1

1
Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele
1Kwincwadi yam yokuqala, Tiyofilo, ndabhala ndibalisa ngazo zonke izinto uYesu awasungula ngazo ukwenza nokufundisa, 2kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa. 3Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo. 4Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso. 5Kaloku uYohane yena wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina, kungekudala, uThixo uza kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”
6Xa babendawonye, abathunywa bambuza uYesu besithi: “Nkosi, ngaba uza kulubuyisela kwangoku na ulawulo kumaSirayeli?”
7UYesu uphendule wathi: “Asiyondawo yenu ukuwazi amathuba namaxesha uBawo agqiba yedwa ngawo. 8Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”
Unyuko lukaYesu
9Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.
10Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, 11abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
Abafundi ababekho ngonyuko
12Baza babuyela eJerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyeMinquma, ekufuphi neJerusalem umgama omalunga nekhilomitha enye. 13Bakungena esixekweni, banyukela egumbini eliphezulu, apho babehlala khona. YayinguPetros, noYohane, noYakobi, noAndreya; uFilipu noTomas; uBhartolomeyu noMatewu; uYakobi unyana ka-Alifeyu, noSimon iTsha-ntliziyo, kwakunye noJudas unyana kaYakobi. 14Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
Ukunyulwa komthunywa esikhundleni sikaJudas
15Ngaloo mihla xa babehlangene ndawonye abakholwayo bemalunga nekhulu elinamashumi amabini bebonke, waphakama uPetros, wathi: 16“Madoda, mawethu, bekufanelekile ukuba kuzaliseke okwathethwa nguMoya oyiNgcwele, esebenzisa uDavide ukuxela okuya kwenzeka kuJudas, lowo wabakhokelela kuYesu abo bambambayo. 17UJudas lo ebengomnye wethu, enenxaxheba kulo msebenzi sikuwo.”
( 18Kaloku le ndoda yathenga umhlaba ngaloo mali yayifumana ngenkohlakalo. Yawa ngesisu, sagqabhuka, zaphalala izibilini kuloo ndawo. 19Le ntlekele yaduma kulo lonke elaseJerusalem; baza bayithiya igama loo ndawo, bathi yiAkeldama ngolwini lwabo, igama elithetha umhlaba wegazi.)
20“Kuba kaloku kwiNcwadi yeeNdumiso kubhalwe kwathiwa:
“ ‘Mawube linxiwa umzi wakhe;
makungahlali nabani kuwo.’
“Kwakhona kuthiwa:
“ ‘Masithathwe ngomnye isikhundla sakhe.’
21-22“Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”
23Baza baphakamisa amagama amadoda amabini: uJosefu owayesaziwa ngokuba nguBharsabha, obizwa nangokuba nguYusto, kwakunye noMatiya. 24Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele 25kwisikhundla sokukukhonza *ingumthunywa, eso satyeshelwa nguJudas ukuze aye kuloo ndawo imfaneleyo.” 26Abhalwa ke la magama omabini, kwenziwa *amaqashiso, kwaphumelela elikaMatiya; waza wabalelwa ekubeni ngumthunywa kunye nabanye abalishumi elinanye.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy