YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 12

12
Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani
(Mat 26:6-13; Marko 14:3-9)
1Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni. 2Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu. 3UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso. 4Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: 5“Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?” 6Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.
7Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam. 8Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”
Ibhunga ngoLazaro
9Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni. 10Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro, 11kuba ngenxa yakhe amaJuda amaninzi ayeguquka akholwe kuYesu.
UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki
(Mat 21:1-11; Marko 11:1-11; Luka 19:28-40)
12Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem, 13yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!”
14UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:
15“Sukoyika, sixeko saseZiyon.
Khangela, uKumkani wakho uza kuwe
ekhwele idonki,
ithole lento ebotshwayo.”
16Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye.
17Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto. 18Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso. 19Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”
AmaGrike athile afuna ukumbona uYesu
20Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika. 21Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.”
22UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu. 23Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale. 24Inene, ukuba ukhozo lwengqolowa aluthanga lufakwe emhlabeni lufe, lohlala lungabi nto; kodwa ukuba luthe lwafa, luvelisa isiqhamo ngakumbi. 25Lowo ubukokosayo ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kanti lowo ubuncamayo kweli hlabathi, wohlala enabo kude kube kwelizayo. 26Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.”
UYesu uthetha ngokufa kwakhe
27“Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha. 28Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ”
Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”
29Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye. 30Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu. 31Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku. 32Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.” 33Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo.
34Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”
35Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo. 36Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”
Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.
Ukungakholwa kwamaJuda
37Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye. 38Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:
“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?
Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”
39Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi:
40“UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,
hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:
‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,
‘ndize ndibaphilise.’ ”
41UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.
42Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo. 43Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.
Ukugweba kwelizwi likaYesu
44Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo. 45Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo. 46Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. 47Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa. 48Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. 49Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na. 50Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”

Currently Selected:

UYOHANE 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy