YouVersion Logo
Search Icon

2 YOOKUMKANI 1

1
UEliya nokumkani uAhaziya
1Ke kaloku emva kokusweleka kukakumkani uAhabhi, amaMowabhi amvukela uSirayeli. 2Ke yena uAhaziya wawa efestileni yegumbi eliphezulu lendlu yakhe eSamariya, waza wenzakala. Ngoko ke wathuma abathunywa, esithi kubo: “Hambani niye kubuzisa kuBhali-zabhubhe, uthixo wase-Ekron, ukuba ngaba ndophila na kule ngozi indihleleyo.”
3Kambe ke isithunywa *sikaNdikhoyo sathetha noEliya waseTishbhi, sathi: “Hamba uhlangabeze abaya bathunywa bokumkani waseSamariya, uthi kubo: ‘Ngaba kungenxa yokuba engekho na uThixo kwaSirayeli le nto niya kubuzisa kuBhali-zabhube isithixo sase-Ekron?’ 4Naku ke akuthethayo uNdikhoyo: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa!’ ” Waza ke waya uEliya.
5Bakubuya ke abathunywa abo, wabuza wathi ukumkani: “Ngani ukuba nijike?”
6Baphendula ke bona bathi: “Sidibene nomfo othile, wathi masibuyele kuwe, kumkani, sikuxelele sithi: ‘UNdikhoyo uthi: Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo kwaSirayeli, le nto uhamba uye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron?’ Ewe, uthi: ‘Akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ”
7Ukumkani wathi: “Yayingumfo oluhlobo luni na lowo nidibene naye waza wathetha loo mazwi kuni?”
8Abathunywa bathi: “Ibingumfo onomnweba owenziwe ngesikhumba esinoboya, ebhinqe ngethwathwa esinqeni.”
Ukumkani wathi: “NguEliya waseTishbhi lowo.”
9Ngoko ke wathumela apho kuEliya igosa lomkhosi, likunye namadoda alo angamashumi amahlanu. Elo gosa ke laya kuEliya, ehleli encotsheni yenduli, lafika lathi kuye: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Yihla.’ ”
10UEliya waphendula wathi kwelo gosa lomkhosi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.
11Kwesi sithuba ke ukumkani waphinda wathumela elinye igosa lomkhosi kwakuEliya, likwahamba namanye amashumi amahlanu amadoda. Elo gosa lafika lathi kuEliya: “Mfo wakwaThixo, ukumkani uthi: ‘Khawuleza uhle.’ ”
12UEliya waphendula wathi: “Ukuba ke ndingumfo wakwaThixo, ngamana kwehla umlilo ezulwini, ukutshise ndawonye nala madoda akho angamashumi amahlanu!” Kwehla umlilo ezulwini, uvela kuThixo, walitshisa elo gosa ndawonye naloo madoda alo angamashumi amahlanu.
13Kwakhona ukumkani wathumela elesithathu igosa lomkhosi, lihamba namadoda alo angamashumi amahlanu. Eli ke lona igosa lathi lakufika kuEliya laguqa phambi kwakhe, lambongoza lathi: “Mfo wakwaThixo, ndiyakubongoza, yiba nenceba uvelane nam ngenxa yobomi bam nobu bala madoda angamashumi amahlanu, ezi zicaka zakho. 14Kaloku ngaphambili kuye kwehla umlilo ezulwini, wawatshisa amagosa amabini nabo bonke ababehamba nawo. Noko ke ngoku mabuxabiseke kuwe ubomi bam.”
15Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathetha noEliya sathi: “Musa ukoyika wena, hamba uhle nalo.” Ngoko ke uEliya wahamba nalo, wehla waya kukumkani.
16Wafika wathi kukumkani: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngaba kungenxa yokuba kungekho Thixo na kwaSirayeli, le nto uthumela abathunywa baye kubuzisa kuBhali-zabhubhe isithixo sase-Ekron? Ngenxa yale nto uyenzileyo ke, akusayi kuvuka kuloo mandlalo ulele kuwo; uza kufa.’ ” 17Ngenene ke wafa uAhaziya ngokwelizwi likaNdikhoyo elathethwa nguEliya.
Ke kaloku uAhaziya lo wayengenanyana, ngoko ke kwangena uYoram endaweni yakhe waba ngukumkani wakwaSirayeli kunyaka wesibini kaYehoram unyana kaYoshafati ukumkani wakwaJuda. 18Ke zona iziganeko zolawulo luka-Ahaziya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

Currently Selected:

2 YOOKUMKANI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy