YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 1

1
UDavide ekwaluphaleni kwakhe
1Ngoku ke ukumkani uDavide wayeyindoda eyalupheleyo, iminyaka yakhe seyihambile. Wayekhathazwa kukugodola, kuba wayengafudumali noba selefunjelwe ngeengubo ezininzi. 2Ke kaloku amaphakathi akhe athetha naye athi: “Masikukhangelele intombi nto, mhlekazi, ukuze ikulungiselele ikonge, ilale kufuphi nawe, ufudumale, mhlekazi.”
3Behla benyuka ke apho kwaSirayeli, bekhangela loo nzwakazi, bada ke bafumana uAbhishagi umShunemikazi. Bamthatha ke, bamzisa apho kukumkani. 4Intombi le ke yayiyinzwakazi ecikizekileyo. Yamonga ke ukumkani, yamlungiselela, kambe ke yena ukumkani zange ayambathe.
UAdoniya ufuna ubukhosi
5Ke kaloku uAdoniya, unyana kakumkani, onina yayinguHagiti, wazigqatsa wathi: “Ndiza kuba ngukumkani.” Wazilungiselela iinqwelo namahashe, kananjalo wandulelwa ngamashumi amahlanu amadoda. ( 6Kaloku uyise wayengazanga amngxolise athi kuye: “Uyenzeleni into enje?” Yena wayesalekela uAbhasalom, ibe ke umfo lo eyinzwana.)
7UAdoniya ke wathetha-thethana noJowabhi unyana kaZeruya, kunye noAbhiyatare owayengumbingeleli, baza ke bona bamxhasa. 8Ke yena umbingeleli uZadoki, noBhenaya unyana kaJoyada, *nomshumayeli uNatan, noShimeyi, noReyi, kunye noolindikhaya bakaDavide, zange bahambisane noAdoniya.
9UAdoniya wathatha iigusha neenkomo namathole atyetyisiweyo wenza idini elityeni likaZohelete ngase-En-rogeli. Wabamema bonke abaninawe bakhe, oonyana bakakumkani, nawo onke amadoda akwaJuda angamaphakathi komkhulu. 10Kodwa ke wabashiya abashumayeli uNatan noBhenaya noolindikhaya kunye nomninawa wakhe uSolomon.
UNatan noBhashebha bathetha noDavide
11UNatan wabuza kuBhashebha unina kaSolomon wathi: “Uvile nje ukuba uAdoniya ozalwa nguHagiti bamenze ukumkani ngaphandle komhlekazi uDavide? 12Yiva ke, ndikucebise, ukuze usinde, usindise nobomi bonyana wakho uSolomon. 13Yiya kukumkani uDavide, uthi kuye: ‘Mhlekazi, kumkani, kanene wawungafunganga kum wathi: “Ngenene unyana wakho uSolomon woba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam”? Ngani ke ngoku kungene uAdoniya abe ngukumkani?’ 14Ke kaloku uya kuthi usathetha njalo nokumkani, nam ndingene ndikungqinele kuloo nto uyithethayo.”
15Ngenene ke wangena uBhashebha, waya kuyibona ingwevu leyo ingukumkani, isegumbini layo lokulala, apho yayihleli noAbhishagi umShunemikazi eyilungiselela. 16UBhashebha wavova, waguqa phambi kokumkani.
Ukumkani wathi: “Kukho nto na uyifunayo?”
17Ke kaloku waphendula wathi: “Mhlekazi, andithi kanene nguwe ngokwakho owafungayo apha kum, mna sicakazana sakho, wabhambathisa *ngoNdikhoyo uThixo wakho usithi: ‘USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani esikhundleni sam, angene esihlalweni sam’? 18Kodwa ke ngoku nanko uAdoniya engukumkani ngaphandle kwakho, mhlekazi kumkani, wena ungazi nto ngaloo nto. 19Wenze idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, neegusha. Futhi ubamemile noonyana bakho, kunye nombingeleli uAbhiyatare nenjengele yomkhosi uJowabhi. Kambe ke akammemanga uSolomon isicaka sakho. 20Kambe ke, mhlekazi kumkani, uSirayeli ewonke ujonge kuwe, ulindele ukuva ngawe ukuba ngubani na oza kungena ahlale esikhundleni sakho emva kwakho. 21Kungenjalo ke, mhlekazi, uya kuthi nje ukuba ufe ulaliswe nooyihlo, mna nonyana wam uSolomon siphathwe njengabangcatshi.”
22Uthe esathetha nokumkani njalo, wagaleleka umshumayeli uNatan. 23Waxelelwa ke ukumkani kwathiwa: “Nanku umshumyeli uNatan.” Wangena ke, waya kukumkani, wafika wakhahlela, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
24UNatan wathi: “Ngaba nguwe na, mhlekazi kumkani, othe uAdoniya uya kuba ngukumkani emva kwakho, angene esihlalweni sakho? 25Kaloku namhlanje uye kwenza idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, kunye neegusha. Ubamemile bonke oonyana bakho, iinjengele zomkhosi, nombingeleli uAbhiyatare. Ngoku nâbo besela bemana bedanduluka besithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Adoniya!’ 26Phofu ke akammemanga umbingeleli uZadoki, nam sicaka sakho, noBhenaya unyana kaJoyada, kunye noSolomon isicaka sakho. 27Mhlekazi kumkani, ingaba nguwe lo wenze into enje ungazazisanga izicaka zakho ukuba ngubani na oya kungena ahlale esikhundleni sakho xa ungasekho?”
UDavide umisela uSolomon
28Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni uBhashebha.” Weza ke, wafika wema phambi kokumkani. 29Ke kaloku ukumkani wafunga wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, yena owandihlangulayo kuzo zonke iinkathazo, 30inene namhlanje ndiza kuyifezekisa into endakufungela yona ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ndisithi: ‘Unyana wakho uSolomon uya kuba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam.’ ”
31UBhashebha wavova, ejonge phantsi, waguqa phambi kokumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, mhlekazi kumkani Davide!”
32Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni umbingeleli uZadoki, *nomshumayeli uNatan, noBhenaya unyana kaJoyada.” Bafika ke phambi kokumkani, 33waza wathi kubo: “Thathani amaphakathi am, unyana wam uSolomon nimkhwelise kwimbongolo yam, niye eGihon, 34khona apho ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambise bammisele abe ngukumkani wakwaSirayeli. Ze nivuthele isigodlo, nidanduluke nithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!’ 35Emva koko ke ze nibuye naye, aze kungena ahlale esihlalweni sam, alawule endaweni yam. Ndimtyumbile ukuba abe ngukumkani kwaSirayeli nakwaJuda.”
36Ke yena uBhenaya unyana kaJoyada wamphendula ukumkani wathi: “Makube njalo! Ngamana watsho noNdikhoyo uThixo wenkosi yam ukumkani! 37Njengoko uNdikhoyo wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo makabe naye uSolomon, ulawulo lwakhe lwande ludlule olwenkosi yam ukumkani uDavide.”
38Behla ke, umbingeleli uZadoki, umshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti, uSolomon bemkhwelise kwimbongolo kakumkani uDavide, baya naye eGihon. 39Ke kaloku umbingeleli uZadoki waluthatha uphondo lwamafutha awayelufumene *esibingelelweni, waza ke wathambisa uSolomon ngaloo mafutha. Bakhalisa isigodlo, baza bonke abantu bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!” 40Loo nginginya yabantu ke yamlandela, ihamba ikhalisa amaxilongo, igcobe kangangokuba isingqi sabo sawunyikimisa umhlaba.
41UAdoniya nâbo wayebamemile bayiva le ntshukumo, xa kanye baliphethayo itheko labo. Akusiva isandi sesigodlo uJowabhi wabuza wathi: “Ngaba yeyantoni le ngxokolo ivakala esixekweni?”
42Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”
43UJonatan waphendula wathi kuAdoniya: “Hayi bo! Umhlekazi ukumkani uDavide umisele uSolomon wangukumkani. 44Ukumkani umkhuphe nombingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti; bamkhwelise kwimbongolo kakumkani. 45Ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambisele eGihon wangukumkani. Basuke apho benemincili; nangoku ke kusathe nkxwe esixekweni. Loo ntswahla uyivayo ngabo. 46Ewe, uSolomon selengene esihlalweni phaya ebhotwe. 47Namaphakathi akomkhulu nango evuyisana nomhlekazi ukumkani uDavide esithi: ‘Ngamana uThixo angalenza labalasela ngaphezu kwelakho igama likaSolomon, nolawulo lwakhe aluqaqambise ngaphezulu!’ Nokumkani ke suka wathelela enqula esemandlalweni wakhe. 48Ewe, usuke wathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, othe namhlanje wandenzela inyhweba yokuba ndimbone ngawam amehlo lowo uthatha isihlalo esikhundleni sam.’ ”
49Lakuziva ezi ndaba iqela lika-Adoniya lothuka lachithakala ngoko nangoko. 50Ke yena uAdoniya ngokoyika uSolomon wasuka waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini. 51Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”
52USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.” 53Ukumkani uSolomon wathumela amadoda, amphuthuma apho eqongeni lamadini uAdoniya. Ke uAdoniya weza wafika wakhahlela apho kukumkani uSolomon. Ke uSolomon wathi kuye: “Kulungile, goduka.”

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy