YouVersion Logo
Search Icon

UZEKARIYA 1

1
UYehova ukhalimela abantu
1Ngenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi: 2UYehova waye enoburhalarhume obukhulu kooyihlo. 3Yithi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Buyelani kum, utsho uYehova wemikhosi; ndobuyela kuni, utsho uYehova wemikhosi.
4Musani ukuba njengooyihlo, ababebizwa bona ngabaprofeti bangaphambili, besithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khanibuye ngoku ezindleleni zenu ezimbi nasezintlondini zenu ezimbi; ke àbaphulaphula, àbandibazela ndlebe; utsho uYehova. 5Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na? 6Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjénjalo kuthi.
Umbono kaZekariya wamahashe
7Ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi, 8Ndiboné ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile• ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe.
9Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba. 10Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi. 11Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile.
Udaba oluthuthuzelayo kwiZiyon
12Saphendula ke isithunywa sikaYehova, sathi, Yehova wemikhosi, koba nini na ungàsikwa yimfesane wena, ngenxa yeYerusalem nemizi yakwaYuda, owayibhavumelayo le minyaka imashumi asixhenxe? 13UYehova wasiphendula isithunywa esibe sithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo.
14Sathi kum isithunywa esibe sithetha nam, Memeza uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon. 15Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi. 16Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iYerusalem ngemfesane; indlu yam iya kwakhelwa khona, utsho uYehova wemikhosi; ulutya lokulinganisa luya kolulwa phezu kweYerusalem. 17Buya umemeze, uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Imizi yam isaya kuphalala okulungileyo; uYehova usaya kuyithuthuzela iZiyon, ayinyule iYerusalem.
Umbono weempondo nabakhandi-zintsimbi
18Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iimpondo, ziné. 19Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi? Sathi kum, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, uSirayeli, neYerusalem. 20UYehova wandibonisa iingcibi zokukhanda, ziné. 21Ndathi, Aba bazé kwenza ntoni na? Sathetha sathi, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, ngokokude kungabikho bani uphakamisa intloko yakhe; aba ke bazé kuzothusa, baziwise phantsi iimpondo zeentlanga, eziphakamise uphondo ezweni lakwaYuda, ukuba zilichithachithe.

Currently Selected:

UZEKARIYA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy