YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 1

1
UYohane umbhaptizi
(UMat. 3:1-12)
1Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
2Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa,
Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho,
Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
(UMal. 3:1)
3Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,
Wulungiseni umendo weNkosi;
Zityenenezeni iindlela zayo!
(UIsaya 40:3)
4Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. 5Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
6Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle. 7Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. 8Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.
Ukubhaptizwa nokuhendwa kukaYesu
(UMat. 3:13-17; 4:1-11)
9Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. 10Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. 11Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
12Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango. 13Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mané, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungisesela.
Ukubizwa kwabafundi bokuqala
(UMat. 4:12-25)
14Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi, 15Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.
16Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi. 17Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. 18Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.
19Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo. 20Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.
Ukuphiliswa konomoya ongcolileyo eKapernahum
(ULuka 4:31-37)
21Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa. 22Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
23Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo! 24Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. 25Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. 26Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. 27Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele? 28Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.
Ukuphiliswa komkhwekazi kaPetros nabanye abaninzi
(UMat. 8:14-17)
29Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. 30Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko. 31Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela.
32Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. 33Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. 34Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi.
UYesu uya kuthandaza ngasese
35Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. 36Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye. 37Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna. 38Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. 39Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon.
Ukuphiliswa koneqhenqa
(UMat. 8:1-4)
40Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. 41UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka. 42Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. 43Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko. 44Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo. 45Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhléni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.

Currently Selected:

UMARKO 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy