YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 1

1
Umsondezo wedini elinyukayo
1UYehova wambiza uMoses, wathetha kuye ententeni yokuhlangana, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa umntu kuni asondeza kuYehova umsondezo wasezintweni ezizitho ziné, nowusondeza loo msondezo wenu niwuthabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane.
3Ukuba umsondezo wakhe ulidini elinyukayo lasezinkomeni, wósondeza inkomo eliduna eligqibeleleyo emnyango wentente yokuhlangana, alisondeze ukuba limkholekise phambi koYehova. 4Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini elo linyukayo, limkholekise, limcamagushele; 5alixhele ithole elo lenkomo phambi koYehova. Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bolisondeza igazi balitshize, bajikelezise esibingelelweni esisemnyango wentente yokuhlangana. 6Makalihlinze indini elinyukayo, alityatye; 7oonyana baka-Aron umbingeleli babeke umlilo phezu kwesibingelelo, bacwangcise iinkuni phezu komlilo; 8bazicwangcise oonyana baka-Aron, ababingeleli, iinyama ezo, nentloko, nenqatha, phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo. 9Ke zona izibilini zalo, neentungo zalo mazihlanjwe ngamanzi, aqhumisele ngezo nto zonke umbingeleli esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
10Ukuba umsondezo wakhe ngowasempahleni emfutshane, nokuba kusezigusheni, nokuba kusezibhokhweni, úlidini elinyukayo, wósondeza iduna eligqibeleleyo; 11alixhelele ecaleni lesibingelelo ngasentla phambi koYehova; bathi oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi lalo bajikelezise esibingelelweni; 12alityatye, kwanentloko yalo nenqatha lalo, azicwangcise ezo nto umbingeleli phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo; 13azihlambe izibilini neentungo ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo nto, aqhumisele ngazo esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
14Ke ukuba umsondezo wakhe kuYehova ulidini elinyukayo lasezintakeni, wówusondeza umsondezo wakhe, ethabatha kumahobe, nokuba kukumagobo amavukuthu. 15Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni, aliqhawule intloko, aqhumisele ngalo esibingelelweni, igazi lalo likhanyelwe ecaleni lesibingelelo. 16Aze asuse indlelo yalo kunye nento ephakathi kwalo, azilahlele ecaleni lesibingelelo elingasempumalanga, ezaleni; 17alicande emaphikweni alo, engawahluli kanye, aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy