YouVersion Logo
Search Icon

EKAYUDA 1

1
Umbuliso
1UYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo bekuThixo uYise, begcinelwe uYesu Kristu, bengababiziweyo: 2uthi, Makwandiswe kuni inceba noxolo nothando.
Isiyalo sokuchasa inkohlakalo nabafundisa ubuxoki
3Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwáyo kwakanye abangcwele. 4Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.
5Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga. 6Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zèsuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko. 7Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhléni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.
8Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela. 9Kanti yena uMikayeli,• isiphatha-zithunywa zezulu, oko wayebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, INkosi mayikukhalimele. 10Ke bona aba okunene izinto zonke abangazaziyo bayazinyelisa; kodwa izinto zonke abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo. 11Yeha ke bona! Ngokuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora.
12Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu; 13bangamáza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.
14Waprofeta ke nangabo uEnoki, owesixhenxe ukususela kuAdam, esithi, Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, 15ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenzé bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngayo aboni abangahloneli Thixo.
16Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo, umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.
17Ke nina, zintanda, wakhumbuleni amazwi abethethwe ngenxa engaphambili ngabo abapostile• beNkosi yethu uYesu Kristu. 18Ngokuba babesithi kuni, Kuya kubakho abagxeki ngexesha lokugqibela, behamba ngokwezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo. 19Aba ngabazahlukanisayo, bengabemvelo, uMoya bengenaye.
20Ke nina, zintanda, zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye, nithandaza nikuMoya oyiNgcwele. 21Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungnuphakade. 22Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula; 23kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama.
24Kulowo ke unako ukunilondoloza ningabi nakukhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba: 25kuThixo olumkileyo yedwa, uMsindisi wethu, makubekho uzuko nobukhulu, amandla negunya, nangoku, kude kuse nasemaphakadeni onke. Amen.

Currently Selected:

EKAYUDA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy