YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 5

5
Ukuphiliswa komlwelwe eBhetesda
1Emveni kwezi zinto, kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem.
2Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda• ezintlanu. 3Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi. 4Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.
5Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe. 6UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Ùyafuna na ukuba uphile? 7Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon' ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.
8Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe. 9Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba.
Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini. 10Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho. 11Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe. 12Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe? 13Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon' ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.
14Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Ùyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo. 15Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila.
UYesu unguNyana kaThixo, emnye noYise
16Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha. 17Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza. 18Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.
19Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo; 20kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe.
21Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo. 22Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana; 23ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo.
24Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini. 25Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi. 26Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe. 27Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu. 28Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; 29baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.
30Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndìgweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo. 31Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene. 32Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.
33Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso. 34Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe. 35Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.
36Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile. 37NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe. 38Nezwi lakhe aninalo lihleli kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningàkholwa nguye nina.
39Ziphengululeni• izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam. 40Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi. 41Andamkeli luzuko bantwini. 42Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu. 43Mna ndizé egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena. 44Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?
45Ningàbi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina. 46Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam. 47Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningáthini na ukukholwa ngawam amazwi?

Currently Selected:

UYOHANE 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy