YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 12

12
UMariya uthambisa iinyawo zikaYesu
(UMat. 26:6-13)
1UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika,• weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo. 2Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla. 3Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi• engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
4Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha, 5Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo• ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu? 6Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo. 7Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam. 8Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam.
9Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwázi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo. 10Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro; 11ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.
UYesu ungena eYerusalem ekhwele iesile
(UMat. 21:1-11)
12Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem, 13yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!
14UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, 15Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile. 16Ezi zinto ke abaziqondanga abafundi bakhe ukuqala; bathi kodwa, akuba ezukisiwe uYesu, bandula ukukhumbula ukuba ezi zinto zaye zibhaliwe ngaye, nokuba bázenza ezi zinto kuye. 17Yaye ingqina ngoko indimbane leyo, ibe inaye oko wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, wamvusa kwabafileyo. 18Ngenxa yoko indimbane yamhlangabeza; ngokuba yayivile ukuba uwenzile lo mqondiso.
19Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.
AmaGrike afuna ukumbona uYesu. Ilizwi elivela phezulu
20Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni. 21Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu. 22Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu.
23Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe. 24Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi. 25Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade. 26Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka. 27Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa. 28Bawo, lizukise igama lakho.
Kweza ngoko izwi liphuma ezulwini, lisithi, Ndilizukisile, ndiya kubuya ndilizukise. 29Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.
30Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu. 31Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle. 32Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum. 33(Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)
34Samphendula isihlwele sathi, Thina sivile emthethweni, ukuba uKristu• yena uhlala ngonaphakade; ùtsho ngani na wena ukuthi, UNyana woMntu umelwe kukuthi aphakanyiswe? Úngubani na lo Nyana woMntu? 35Uthe ngoko uYesu kubo, Liselilifutshane ixesha lokuba ukhanyiso lube nani. Hambani, nisenalo nje ukhanyiso, ukuze ubumnyama bunganiqubuli; lowo uhamba ebumnyameni, akazi apho aya khona. 36Nisenalo nje ukhanyiso, kholwani kulo ukhanyiso, ukuze nibe ngabokhanyiso.
Wazithetha uYesu ezi zinto, wemka, wabazimela.
Ukungakholwa kwamaYuda
37Ke kaloku, nakuba wayenze imiqondiso engaka phambi kwabo, abakholwanga kuye; 38ukuze ilizwi likaIsaya umprofeti lizaliseke, awalithethayo esithi,
Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?
Nengalo yeNkosi ityhileke kubani na?
(UIsaya 53:1)
39Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,
40Úwamfamekisile amehlo abo,
Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo,
Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo,
Bajike,
Ndibaphilise.
(UIsaya 6:9,10)
41Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
42Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini; 43kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.
Ukugweba kwelizwi likaYesu
44Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo. 45Lowo undibonayo, ubona owandithumayo. 46Mna, lukhanyiso, ndifikile ehlabathini, ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. 47Nokuba umntu uthe weva amazwi la am, àkakholwa, mna andimgwebi; kuba andize kuligweba ihlabathi, ndizé kulisindisa ihlabathi. 48Lowo undigibayo, angawamkeli amazwi am, unaye omgwebayo; ilizwi endilithethileyo, lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. 49Ngokuba mna andithethanga okuphuma kum; owandithumayo, uBawo ngokwakhe, nguye owandiwisela umthetho wokuba ndithini na, nokuba ndithethe ntoni na. 50Ndiyazi nokwazi ukuba umthetho wakhe lowo bubomi obungunaphakade. Ngoko izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.

Currently Selected:

UYOHANE 12: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy