YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 1

1
Ukucinezelwa kwamaSirayeli eYiputa
1Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; 2beza elowo nendlu yakhe: uRubhen, uSimon, uLevi noYuda; 3uIsakare, uZebhulon noBhenjamin; 4uDan noNafetali, uGadi noAshere. 5Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.
6Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke. 7Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
8Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu. 9Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi. 10Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
11Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses. 12Okukhona babacinezeláyo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalaláyo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli. 13AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo; 14abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
15Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa; 16wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.
17Abazalisikazi bôyika uThixo, àbenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.
18Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe? 19Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi àkanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi. 20Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu. 21Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.
22UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.

Currently Selected:

IEKSODUS 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy