YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 1

1
Umlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu
(ULuka 3:23-38)
1Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2UAbraham wazala uIsake; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe; 3uYuda wazala uPeretse noZera ngoTamare; uPeretse wazala uHetseron; uHetseron wazala uAram; 4uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon; 5uSalemon wazala uBhohazi ngoRahabhi; uBhohazi wazala uObhede ngoRute; uObhede wazala uYese; 6uYese wazala uDavide ukumkani.
UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya; 7uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; 8uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya; 9u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; 10uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; 11uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.•
12Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli; 13uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; 14uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi; 15uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; 16uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.•
17Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinaziné.
Ukuzalwa kukaYesu
18Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon' ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. 19Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.
20Akubon' ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele. 21Úya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu;• kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo. 22Ke kaloku oku konke kwenzeké, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,
23Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana,
Bambize ngegama elinguImanuweli,
(UIsaya 7:14)
oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.
24Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe; 25waza ke àkamazi, wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wambiza ke ngegama elinguYesu.

Currently Selected:

UMATEYU 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy