YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 9

9
Ukuphiliswa kozelwe eyimfama
1Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe. 2Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi,• ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje? 3Waphendula uYesu wathi, Akoné lo, akoné bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo. 4Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza. 5Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.
6Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo. 7Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.
8Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba? 9Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye. 10Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho? 11Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenzé udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona. 12Bathi ngoko kuye, Úphi na yena? Athi, Andazi.
13Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama. 14Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe. 15Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba útheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeké udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.
16Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angáthini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? 17Bathi qheke kubini. Babuya bathi kwimfama, Ùthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.
18Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona. 19Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama? 20Phofu ubona ngani na ngoku? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama; 21le nto ke abonayo ngoku asazi, novulé amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela. 22Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu,• aze akhutshwe esikhungwini. 23Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.
24Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni. 25Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona. 26Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho? 27Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na? 28Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses. 29Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.
30Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am. 31Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo. 32Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama. 33Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.
34Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ùfundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle.
35Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo? 36Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye? 37Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe. 38Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.
39Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama. 40Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na? 41Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.

Currently Selected:

UYOHANE 9: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy