YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 19

19
1Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. 2Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu, 3amana esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! ammonxoza.
4Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye. 5Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; athi uPilato kubo, Nanko umntu.
6Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye. 7Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke úfanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo. 8Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi.
9Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? 10Ke uYesu akamphendulanga. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula? 11Uphendule uYesu wathi, Ùnge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi. 12Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare;• bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare.
13Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata. 14Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika,• ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu! 15Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare. 16Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni.
Ukubethelelwa emnqamlezweni
(UMat. 27:32-56)
17Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, 18ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabámbi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.
19Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: UYESU WASENAZARETE, UKUMKANI WAMAYUDA. 20Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. 21Babesithi ngoko kuPilato ababingeleli abakhulu bamaYuda, Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda. 22Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.
23Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo eziné, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke kaloku, ingubo yangaphantsi yabe ingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu. 24Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi,
Babelana ngeengubo zam,
Benza amaqashiso ngesambatho sam.
(INdum. 22:18)
Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.
25Kwakumi ke ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala. 26UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! 27Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.
28Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe. 29Bekumi ke isitya sizele yiviniga; bazalisa ke bona imfunxa ngeviniga; bayibeka phezu kwehisope,• bayisa emlonyeni wakhe. 30Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.
31AmaYuda ngoko, ukuze imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha, ekubeni yayiyimini yokulungiselela isabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, basuswe. 32Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye. 33Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe. 34Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni; kwaoko kwaphuma igazi namanzi.
35Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe. 36Kuba zenzeka ezi zinto, ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kutyunyuzwa thambo lakhe. 37Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.
Umngcwabo kaYesu
(UMat. 27:57-66)
38Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu. 39Kwafika ke noNikodemo (lowo wezayo kuYesu ebusuku ekuqaleni), ephethe impithikezo yemore• nekhala, ngathi iziiponti ezilikhulu ngobunzima. 40Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.
41Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo abebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo. 42UYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; ngokuba ingcwaba belikufuphi.

Currently Selected:

UYOHANE 19: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy