YouVersion Logo
Search Icon

KAYOHANE II 1

1
1Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso; 2ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade: 3ithi, Makubekho kuni ubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakwiNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni.
4Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkeláyo umthetho kuye uYise. 5Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane. 6Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo. 7Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu.
8Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo. 9Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, àbanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana. 10Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa; 11kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
12Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
13Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.

Currently Selected:

KAYOHANE II 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy