YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 1

1
Umbuliso nombulelo
1UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu, obizwe ngokuthanda kukaThixo, noSostenes umzalwana, 2ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo igama leNkosi yethu uYesu Kristu ezindaweni zonke, ezabo kwanezethu: 3uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
4Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu; 5kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke; 6njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni; 7ngokokude ningasileli nakwesìnye isipho enisibabalweyo; nílindé kakhulu ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu; 8oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu. 9Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.
UMoya wokwahlukahlukana ebandleni
10Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke níbe ngabalungisiweyo, nígqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.
11Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu. 12Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu.
13Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na? 14Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo; 15ukuze kungabikho mntu uthi, ndabhaptizela egameni lam. 16Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi. 17Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.
Amandla omnqamlezo
18Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.
19Kuba kubhaliwe kwathiwa,
Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko,
Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.
(UIsaya 29:14)
20Síphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?
21Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo. 22Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu, 23ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike; 24ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo. 25Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.
26Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, àbabaninzi abanamandla, akamaninzi amanene. 27UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo; 28nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingáthi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo; 29ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.
30Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo; 31ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy